15. Kanti ke la madoda ayesiphethe kakuhle. Akazanga asihlupha nganto, saye singazange sibe nanto ilahlekayo ngalo lonke elo xesha sasisendle kunye nawo.
16. Asoloko esikhusela ubusuku nemini ngokuya sasisalusa impahla endle.
17. Khawuyicinge nawe loo nto, ukhangele ukuba wena ungenza ntoni na. Isenokuba yingozi kumhlekazi le nto, nkqu nakumzi wakhe wonke. Ayizonkani kumhlekazi; akeva mntu!”
18. Wagxabha-gxabhisa uAbhigeli, waqokelela amakhulu amabini ezonka, neemvaba ezimbini zizele yiwayini, kunye nenyama yeegusha ezintlanu eyosiweyo, nengqolowa egcadiweyo eziikhilogram ezisixhenxe, nekhulu lezikhinkci zerasentyisi, namafiya aqwayitiweyo alikhulu lezikhinkci. Yonke loo nto wayilayisha phezu kweedonki.
19. Wathi kwizicaka zakhe: “Khokelani; mna ndiza kulandela.” Akazange ase lizwi kumyeni wakhe uNabhali.
20. Kwathi esahamba ngaloo donki yakhe uAbhigeli, xa kanye agwejelayo endulini, wagagana noDavide kunye namadoda akhe, besiza ngakuye.
21. UDavide wayesatsho ukuthi: “Kube lilize ukukhusela impahla yelaa tshijolo uNabhali endle. Akukho nanye into yakhe eyakha yabiwa, kodwa ngoku undibulela ngesikhohlela ndakugqiba ukumnceda!
22. Makandigwebe kalukhuni uThixo ukuba ilanga lithe lasa kusekho into eyindoda kwaNabhali!”
23. Wathi uAbhigeli akuthana nqwakaqhwa noDavide, wakhawuleza wehla kuloo donki wayekhwele kuyo, wawa ngobuso emhlabeni ezinyaweni zikaDavide,
24. wakhahlela wathi: “Mhlekazi, nceda, libeke kum ityala! Ndivumele mna sicakazana sakho ndithethe nawe, uyive into endiyibhekisa kuwe.
25. Musa ukuzikhathaza ngesiya sikhohlakali sendoda uNabhali! Iyile nto kanye lithetha yona igama layo – sisihiba. Mna khange ndiwabone loo madodana inkosi yam ibiwathumele.