18. Wathi ke uSawule kuDowegi: “Bahlasele aba babingeleli!” Waza uDowegi wabahlasela wababulala bonke. Yayingamashumi asibhozo ababingeleli ababenelungelo lokuphatha *isidanga ababulawa nguDowegi ngaloo mini.
19. Wada wabulala bonke abemi baseNobhi, eyayisisixeko sababingeleli. Kwafa amadoda nabafazi, abantwana neentsana; kwafa zinkomo, zidonki, zigusha, akwasala nto.
20. Kwasinda kuphela uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki, owabalekela kuDavide.
21. Wafika wambalisela ukuba uSawule ubaxabele ababingeleli bakaNdikhoyo.
22. Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni.
23. Seluhlala apha kunye nam, ungaxhali; akukho nto iya kukuthi cha apha. Lowo uzungula ubomi bakho uzungula nobam.”