1. Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi:“Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo!Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe.Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam,ndichulumanca lusindiso lwam.
2. Hayi, akakh' onjengawe;hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!
3. “Yithini tu! Yekan' ukuzingca!Yithini cwaka, niyek' ukuzigwagwisa!Kaloku uNdikhoyo ngumazi wezinto zonke;nguye ogocagoca izenzo zabantu.
4. Izikhali zamakhalipha ziwile;ababekhubekile bathiwe jize ngobukrothi.
5. Izihluthi zijika zibe ngabangqibi,izilambi zidlokove yintlutha.Usitshw' isixhenxe umfaz' ongazaliyo,az' ozalayo asal' ejijitheka.
6. NguNdikhoyo obulal' abuy' aphilise;utshonisa engcwabeni abuy' avuse.
7. Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa;
8. nguye ophakamis' iindway' eluthulini,abasuse eluthuthwini abahlelelekileyo,ababeke kunye neendwalutho,baxhamle uzuko lobukhosi.Iintsika zehlabathi zezikaNdikhoyo;walithi zinzi elimiweyo phezu kwazo.
9. “Nguye umkhuseli weenyawo zabakholose ngaye.Bothi shwaka ebumnyameni abakhohlakeleyo.Akungamandla amntu ukuphumelela.
10. Bobhanga kuthi tu abachas' uNdikhoyo;wozongom' emazulwini barhwaqele.Nguye olawula namaphethel' ehlabathi.Uya kumambesa ngamandla ukumkani,luphakame uphondo lomthanjiswa wakhe.”
11. Bagoduka ke ooElikana baya eRama, yasala apho eShilo yona inkwenkwe, ikhonza uNdikhoyo phambi kombingeleli uEli.
12. Oonyana bakaEli ke babengamatshijolo, bengamazele nto *uNdikhoyo.