18. UDavide waphendula wathi: “Bendingubani na mna, nabakowethu bayintoni na bona, nditsho kwaumzi kabawo uyintoni na kwaSirayeli, khon' ukuze ndibe ngumkhwenyana kakumkani?”
19. Kodwa lathi lakufika ixesha lokwendela kukaMerabhi kuDavide, suka wendiselwa komnye umfo owayegama linguAdriyeli waseMehola.
20. UMikali, enye intombi kaSawule, wamthanda uDavide, waza noSawule wathakazela akuyiva loo nto.
21. Wacamanga wathi: “Heke! UMikali ndiza kumendisela kuDavide. Ndiza kumbambisa ngaye uDavide lo, aze abulawe ngamaFilistiya.” Ke uSawule wathi kuDavide: “Nali ithuba lakho lesibini lokuba ngumkhwenyana wam.”
22. Wathuma amaphakathi akhe uSawule, esithi: “Thethani noDavide bucala, nithi: ‘Ukumkani ukholisekile nguwe, yaye onke amagosa kakumkani ayakuthanda. Ngoko ke yiba ngumkhwenyana kakumkani.’ ”