1 Kasamweli 16:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuSamweli: “Koda kube nini uzingcungcuthekisa ngenxa kaSawule? Ndimkhiqile ekulawuleni amaSirayeli. Zalisa iqhaga lakho ngamafutha omnquma, uye eBhetelehem kwaJese, kuba ndityumbe omnye koonyana bakhe ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.”

2. Ubuze wenjenje uSamweli: “Ndingathini ukuya? Angandibulala uSawule ukuyiva kwakhe loo nto!”UNdikhoyo uthe kuSamweli: “Uze uqhube ithokazi lenkomo, uthi uye kwenza idini apho.

3. Uze ufike umeme uJese eze kwelo dini. Mna ke ndokuxelela into omawuyenze, ndikubonise nomntu omawumthambise abe ngukumkani.”

4. USamweli wenjenjeya ukusinga eBhetelehem, ethunywe nguNdikhoyo. Wahlangatyezwa ngamadoda amakhulu edolophu, egubha kukoyika. Ambuza esithi: “Ngaba uze ngoxolo?”

5. Uthe ukuphendula uSamweli: “Kunjalo kanye; ndize ngoxolo. Ndize kwenzela uNdikhoyo idini. Zihlambululeni, nize nani, sinyuse idini.” Waza uJese noonyana bakhe wabahlambulula, wabamema nabo ukuba beze edinini.

6. Bakuba bezile edinini apho, wathi uSamweli akubona uEliyabhi unyana kaJese, wathetha yedwa esithi: “Inene, nanku umthanjiswa kaNdikhoyo emi phambi kwakhe.”

7. Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”

8. UJese ubize omnye unyana wakhe, uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamweli. USamweli wathi: “Hayi bo, nalo akafunwa nguNdikhoyo!”

9. Kugqithiswe uShama, wathi uSamweli: “Naye lo akafunwa nguNdikhoyo.”

10. Bada bosixhenxe oonyana bakaJese bagqithiswa phambi koSamweli, yena emana esithi: “Hayi, akatyunjwanga nguNdikhoyo.”

11. USamweli ubuzile kuJese: “Akunanyana bambi na?”Uthe uJese: “Ewe, ukho untondo; phofu usendle; walusa iigusha.”USamweli wathi: “Makaye kubizwa.” Watsho esithi: “Asizi kutya ade afike.”

12. Ke uJese wathumela, waza waphuthunywa. Ebusweni ebekhangeleka esegazini, enamehlo abukhali, eyinzwana yomfo.UNdikhoyo ke wathi kuSamweli: “Nguye ke lowo, mthambise!”

1 Kasamweli 16