8. Wabanjwa ukumkani uAgagi, aza abulawa onke amanye ama-Amaleki.
9. USawule namadoda omkhosi wakhe bamyeka abambulala ukumkani uAgagi; iinkomo neegusha ezintle abazange bazibulale kunye namathole namatakane azo. Yonke into entle bayigcina, batshabalalisa nje imigqutsuba nezinto ezingenaxabiso kuphela.
10. Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuSamweli lisithi:
11. “Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule lo. Selenxaxhile kum ngokungawuthobeli umyalelo wam.” Wakhathazeka kakhulu uSamweli yile nto. Wahlala ubusuku bonke ezibika kuNdikhoyo.
12. Uvuke ekuseni uSamweli, waya kukhangela uSawule. Ufike kusithiwa: “USawule uye eKarmele, waza apho wamisa ilitye lesikhumbuzo sakhe, wedlula nalapho waya eGiligali.”
13. Walanda ekhondweni uSamweli, wada wamfumana, uSawule wathi: “Makakuthamsanqele uNdikhoyo, Samweli! Ndiwufezile umyalelo kaNdikhoyo!”
14. “Xa kunjalo, kokwantoni oku kukhala kweegusha ndikuvayo kunye nokunxakama kweenkomo?” ubuzile uSamweli.
15. Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”
16. “Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”“Ndixelele,” watsho uSawule.
17. USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,