1 Kasamweli 15:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.

7. Wawaswantsulisa uSawule ama-Amaleki, zinqoza okoko ukusuka eHavila kuye kutsho eShure ngasempumalanga yaseJiputa.

8. Wabanjwa ukumkani uAgagi, aza abulawa onke amanye ama-Amaleki.

9. USawule namadoda omkhosi wakhe bamyeka abambulala ukumkani uAgagi; iinkomo neegusha ezintle abazange bazibulale kunye namathole namatakane azo. Yonke into entle bayigcina, batshabalalisa nje imigqutsuba nezinto ezingenaxabiso kuphela.

10. Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuSamweli lisithi:

11. “Ndiyazisola ngokumenza ukumkani uSawule lo. Selenxaxhile kum ngokungawuthobeli umyalelo wam.” Wakhathazeka kakhulu uSamweli yile nto. Wahlala ubusuku bonke ezibika kuNdikhoyo.

12. Uvuke ekuseni uSamweli, waya kukhangela uSawule. Ufike kusithiwa: “USawule uye eKarmele, waza apho wamisa ilitye lesikhumbuzo sakhe, wedlula nalapho waya eGiligali.”

13. Walanda ekhondweni uSamweli, wada wamfumana, uSawule wathi: “Makakuthamsanqele uNdikhoyo, Samweli! Ndiwufezile umyalelo kaNdikhoyo!”

1 Kasamweli 15