1 Kasamweli 15:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Yiya kuwahlasela ama-Amaleki, utshayele konke okukokwawo. Ungashiyi nto; ubulale indoda, umfazi, umntwana, nkqu nosana olu lwembala; kufe zinkomo, zigusha, zinkamela, kunye nezo donki zawo.’ ”

4. Wawuhlanganisela eTelayim wonke umkhosi wakhe uSawule, apho wafika wawumisa ngezintlu. Loo mkhosi wawungamakhulu amabini amawaka amajoni akwaSirayeli, kunye neshumi lamawaka lamajoni avela kwaJuda.

5. Wesuka apho naloo mkhosi, waya kulalela ama-Amaleki kufuphi nesixeko sawo, ezindongeni zomfula.

6. Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.

7. Wawaswantsulisa uSawule ama-Amaleki, zinqoza okoko ukusuka eHavila kuye kutsho eShure ngasempumalanga yaseJiputa.

8. Wabanjwa ukumkani uAgagi, aza abulawa onke amanye ama-Amaleki.

9. USawule namadoda omkhosi wakhe bamyeka abambulala ukumkani uAgagi; iinkomo neegusha ezintle abazange bazibulale kunye namathole namatakane azo. Yonke into entle bayigcina, batshabalalisa nje imigqutsuba nezinto ezingenaxabiso kuphela.

10. Lafika ilizwi *likaNdikhoyo kuSamweli lisithi:

1 Kasamweli 15