23. Ukumvukela uNdikhoyo nqwa nobugqwirha. Kanti nempakamo ifana nqwa nokunqula izithixo ngobubi. Ngenxa yokuba wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo uyakukhiqa ekulawuleni.”
24. Uvakele selesithi uSawule kuSamweli: “Ndonile ngenene, kuba ndiphambukile kwilizwi likaNdikhoyo, ndayidela nemiyalelo yakho. Ndoyike umkhosi wam, ndenza ukuthanda kwawo.
25. Ndincede undixolele isono sam, undikhaphe, ndiye kuqubuda kuNdikhoyo.”
26. “Hayi, andizi kuhamba nawe. Kaloku wena ulikhabile ilizwi likaNdikhoyo, naye ke uNdikhoyo ukukhiqile ekulawuleni,” utshilo uSamweli.
27. Uthe gwiqi uSamweli, eza kumshiya apho. USawule yena wamthi hlasi ngesondo lengubo, yakrazuka.
28. Uthe ke uSamweli: “Namhlanje uNdikhoyo ulukrazule kuwe ulawulo lwamaSirayeli, walunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
29. USimakade uThixo kaSirayeli akaxoki yena, yaye akaguquguquki. Kaloku akangomntu ulala neli avuke neli.”