1 Kasamweli 15:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSamweli wabhekisa kuSawule wenjenje: “Ndim owathunywa *nguNdikhoyo ukuba ndikuthambise ube ngukumkani wabantu bakhe amaSirayeli. Phulaphula ke ngoku, uve udaba oluvela kuNdikhoyo. UNdikhoyo uThixo onamandla onke utsho ukuthi:

2. ‘Ama-Amaleki ndiza kuwohlwaya ngenxa yokuba ookhokho bawo bawalalela amaSirayeli xa wayevela eJiputa.

3. Yiya kuwahlasela ama-Amaleki, utshayele konke okukokwawo. Ungashiyi nto; ubulale indoda, umfazi, umntwana, nkqu nosana olu lwembala; kufe zinkomo, zigusha, zinkamela, kunye nezo donki zawo.’ ”

4. Wawuhlanganisela eTelayim wonke umkhosi wakhe uSawule, apho wafika wawumisa ngezintlu. Loo mkhosi wawungamakhulu amabini amawaka amajoni akwaSirayeli, kunye neshumi lamawaka lamajoni avela kwaJuda.

5. Wesuka apho naloo mkhosi, waya kulalela ama-Amaleki kufuphi nesixeko sawo, ezindongeni zomfula.

6. Wathi kumaKeni: “Phumani nimke phakathi kwama-Amaleki, ukuze ningachatshazelwa ligazi xa ndiwatshabalalisayo. Kaloku ookhokho benu baba novelwano kumaSirayeli ukufuduka kwawo eJiputa.” Emka ke amaKeni phakathi kwama-Amaleki.

7. Wawaswantsulisa uSawule ama-Amaleki, zinqoza okoko ukusuka eHavila kuye kutsho eShure ngasempumalanga yaseJiputa.

1 Kasamweli 15