42. Uqhube wenjenje uSawule: “Yalatha onetyala phakathi kwam nonyana wam uJonatan.” Kwalathwa uJonatan.
43. Ubuze uJonatan uSawule esithi: “Ndixelele, wenze sono sini?”UJonatan uphendule wathi: “Ndingcamle nje intwana yobusi ngomva wentonga yam. Ngaba mandifele loo nto?”
44. USawule uthe: “UThixo aze andigwebe mna lo ukuba andikubulali wena.”
45. Basuka abantu bathi: “NguJonatan lo uza kubulawa? Asinguye lo uzisele uSirayeli uloyiso olungaka? Unotshe! Sifunga uThixo ophilayo, akayi kuthiwa cha nto. Kuyo yonke into abeyenza namhlanje ubencedwa nguThixo.” Baba ke abantu bayamsindisa ekufeni uJonatan ngaloo ndlela.
46. Akabanga sawasukela amaFilistiya emva koko uSawule, asuka abuyela elizweni lawo.
47. USawule ekubeni engene ezintanjeni zokulawula, wazilwa iintshaba zamaSirayeli kwiindawo ngeendawo. Walwa namaMowabhi, ama-Amon, kunye namaEdom, kwakunye neekumkani zaseZobha, namaFilistiya. Wayetshatshela konke apho aya khona edabini.