1 Kasamweli 14:28-36 Ibhayibhile (XHO96)

28. Elinye ijoni lathi: “Uyihlo uwubophelele wonke umkhosi ngesifungo esingqongqo, esithi: ‘Uqalekisiwe nabani na oya kuthi atye namhlanje.’ Yiloo nto amadoda ephelelwe ngamandla nje.”

29. UJonatan akuyiva loo nto, wathi: “Ubawo ulifake enkathazweni ilizwe! Ndiziva ndidlamkile ngoku, ndakuba ndikhe ndangcamla intwana yobusi.

30. Ngekukuhle kakhulu ukuba amawethu la ebeyekiwe akutya okuya kutya kuthinjwe kwiintshaba zethu. AmaFilistiya afileyo nge-engaphezulu koku.”

31. Ngaloo mhla emva kokuba amaSirayeli ewatyakatyile amaFilistiya ukusuka eMikimashe kuse eAyalon, aziva ephelile kukudinwa.

32. Asuka awatsibela amaxhoba, abamba iigusha, iinkomo, namathole, azixhela kwalapho, ayitya loo nyama isenegazi.

33. Kwabakho abaya kuxelela uSawule, besithi: “Mhlekazi, nangaya amadoda esenza isono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.”“Nikreqile!” wavakala esitsho uSawule. “Makuqengqwe ilitye elikhulu, liziswe apha,

34. niye phaya kulawa madoda, nithi ndithi makeze nezo nkomo neegusha zawo, azixhele apha, azitye, angenzi sono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.” Beza nazo ke ezo nkomo, bazixhela apho ngokuhlwa kwaloo mini.

35. USawule ke wamakhela iqonga uNdikhoyo. Wayeqala ukwenza oko.

36. Wavakala esithi kumadoda omkhosi wakhe uSawule: “Masiwahlasele amaFilistiya ngobu busuku, siwahluthe amaxhoba kude kuvele umsobomvu, siwabulale onke.”Aphendula amadoda athi: “Qhuba ngokubona kwakho, mhlekazi.”Kuselapho kunqande umbingeleli, wathi: “Masive kuThixo kuqala.”

1 Kasamweli 14