1 Kasamweli 13:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. Umkhosi wamaFilistiya wakhupha amahlelo amathathu. Elinye ihlelo laphuma laya ngaseOfra kummandla waseShuwali,

18. elinye laya ngaseBhete-horon, elesithathu labheka kwimida ejongene nentili iZebhoyim ngasentlango.

19. KwaSirayeli kwakungekho bakhandi, kuba amaFilistiya athi: “AmaHebhere osuka enze amakrele nemikhonto.”

20. Kwakufuneka amaSirayeli aye kumaFilistiya xa afuna ukulolelwa amakhuba namagaba, amazembe kunye neerhengqa zawo.

21. Kwakuhlawulwa iqhosha lemali ngokulola izembe nangokulungisa incula, abe mabini xa kulolwa isikali sekhuba okanye kubazwa iimviko.

22. Ke ngoko ngomhla wedabi kwakungekho nanye indoda kwaSirayeli eyayinekrele okanye umkhonto, ngaphandle nje kukaSawule nonyana wakhe uJonatan.

23. AmaFilistiya athumela igqiza lomkhosi wawo ukuya kuvala ingxingwa yaseMikimashe.

1 Kasamweli 13