1 Kasamweli 12:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wasuka ke uSamweli, wabhekisa kumaSirayeli ephela, wenjenje: “Niyabona, into ebeniyicelile kum ndiyenzile, ndammisela ukumkani wenu.

2. Nanku; uza kunilawula. Mna sendaluphele ndaba yingwevu. Noonyana bam naba phakathi kwenu. Ndanikhokela ndisemtsha kude kuze kuthi gaa apha.

3. Ndim lo ke, ndithi ukuba ndakha ndanona ndimangaleleni ngoku apha phambi *koNdikhoyo naphambi komthanjiswa wakhe ukumkani. Ndakha ndahlutha bani inkabi yakhe yenkomo okanye idonki? Ndakha ndacinezela bani na; ingubani endakha ndamngcungcuthekisa? Ngubani owakha wandinyoba ukundivala umlomo? Ukuba ndakha ndayenza into enjalo, ndiya kuyenza imbuyekezo.”

4. Wahlokoma umzi wathi: “Akuzange wasicinezela nanini, ungazange wangcungcuthekisa bani nakanye; yaye akuzange wathatha nto mntwini.”

5. Wathi ke uSamweli: “UNdikhoyo nomthanjiswa wakhe ukumkani ngamangqina am ke ukuba kutsho nina ukuthi ndimsulwa.”“Ewe,” kutsho abantu, “nguNdikhoyo ingqina lethu.”

6. Uqhube wenjenje uSamweli: “Ingqina nguNdikhoyo lo watyumba uMosis noAron, waza wabakhupha ooyihlo-mkhulu eJiputa.

7. Sondelani ke, ndiniyale phambi koNdikhoyo ngokunikhumbuza ngemisebenzi yobulungisa ayenzele nina nooyihlo.

1 Kasamweli 12