1 Kasamweli 10:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Yakuba le miqondiso izalisekile uze wenze oko kusemandleni akho, kuba uThixo unawe.

8. Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”

9. Uthe uSawule xa ejika enika uSamweli umva, uThixo wamnika mo yimbi uSawule. Yaye yonke loo miqondiso yayithethwe nguSamweli yazalisekiswa kwangaloo mini.

10. Ukufika kukaSawule nesicaka eGibheya wahlangatyezwa ngumgcelele wabashumayeli. UMoya kaThixo wamngena ngamandla, waza naye wangenelela washumayela.

11. Bathi bakumbona esenza loo nto abantu ababekade bemazi, babuzana besithi: “Yeha ke! Nithi ungenwe yini na unyana kaKishe? Nithi noSawule selewaba ngomnye *wabashumayeli na?”

12. “Bangoonyana bakabani bona aba?” wavakala esitsho omnye wabemi balapho.Savela loo mini ke isaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngomnye wabashumayeli na?”

13. Wathi akuyeka ukushumayela uSawule, wenyuka waya endulini.

14. Uyisekazi akumbona yena nesicaka sakhe, wathi: “Khawutsho; nivela phi?”“Besikhangela iidonki,” uphendule watsho uSawule. “Sithe ke sakungaziboni saya kuSamweli.”

15. “Waza wathini ke uSamweli kuni?” kubuza uyisekazi.

16. “Usixelele ukuba iidonki zifunyenwe.” NguSawule ke otshoyo; phofu akachaza nto kuyisekazi ngentetho kaSamweli ngombandela wokuba ngukumkani.

1 Kasamweli 10