1 Kasamweli 10:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. “Bangoonyana bakabani bona aba?” wavakala esitsho omnye wabemi balapho.Savela loo mini ke isaci esithi: “NoSawule lo kanti selewaba ngomnye wabashumayeli na?”

13. Wathi akuyeka ukushumayela uSawule, wenyuka waya endulini.

14. Uyisekazi akumbona yena nesicaka sakhe, wathi: “Khawutsho; nivela phi?”“Besikhangela iidonki,” uphendule watsho uSawule. “Sithe ke sakungaziboni saya kuSamweli.”

15. “Waza wathini ke uSamweli kuni?” kubuza uyisekazi.

16. “Usixelele ukuba iidonki zifunyenwe.” NguSawule ke otshoyo; phofu akachaza nto kuyisekazi ngentetho kaSamweli ngombandela wokuba ngukumkani.

17. Ke kaloku uSamweli wabiza abantu bakwaSirayeli ukuya *kwaNdikhoyo eMizpa.

18. Wabhekisa kubo wathi: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndim owakhupha amaSirayeli eJiputa, ndawahlangula kwingcinezelo yamaJiputa nezinye iikumkani.’

19. Kodwa ngoku nimfulathele uThixo wenu onihlangulayo kuzo zonke iinkxwaleko neenzingo, naza nathi: ‘Simisele ikumkani isilawule.’ Ngoko ke, dwelani apha phambi koNdikhoyo ngokwezizwe zenu neziduko zenu.”

20. Akuba uSamweli ezisondezile zonke izizwe zakwaSirayeli uNdikhoyo watyumba isizwe sakwaBhenjamin.

1 Kasamweli 10