Uyohane 11:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.

6. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.

7. Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.

8. Bathi abafundi kuye, Rabhi,* amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ùbuya uye khona na?

9. Waphendula uYesu wathi, Àkalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.

Uyohane 11