Uyeremiya 25:9-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;

10. ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.

11. Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.

12. Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,

Uyeremiya 25