9. ndithumela ukuba ndiyithabathe yonke imizalwane yelasentla, utsho uYehova; ndithumela kuNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyizisele phezu kweli lizwe, naphezu kwabemi balo, naphezu kwezi ntlanga zonke, ngeenxa zonke; ndizisingele phantsi, ndizenze ummangaliso nomsondlo, neempanza ezingunaphakade;
10. ndoliphelisa phakathi kwazo izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi, izwi lokusila nokukhanya kwesibane.
11. Eli lizwe lonke liya kubharha, kube senkangala; ezi ntlanga zimkhonze ukumkani waseBhabheli iminyaka emashumi asixhenxe.
12. Kuya kuthi ke, xa izalisekileyo iminyaka emashumi asixhenxe, ndimvelele ukumkani waseBhabheli nolo luhlanga, ngenxa yobugwenxa babo; utsho uYehova. Nelizwe lamaKaledi ndolenza kube senkangala ngonaphakade,