Uyeremiya 25:33-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangàhlanganiswa, bangàngcwatywa; baya kuba ngumgquba phezu komhlaba.

34. Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe. Ndiya kuniphangalalisa, niwe njengesitya esinqwenelekayo;

35. iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha zomhlambi.

36. Yivani ukukhala kwabalusi, nokubhomboloza kweengangamsha zomhlambi; ngokuba uYehova uyalibhuqa idlelo labo.

37. Athe shwaka amakriwa oxolo, ngenxa yokuvutha komsindo kaYehova.

38. Úlushiyile njengengonyama entsha udada lwakhe; ngokuba kuthe kwaba senkangala kulo ilizwe labo ngenxa yekrele elidlavulayo, nangenxa yokuvutha komsindo wakhe.

Uyeremiya 25