Unehemiya 8:10-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.

11. NabaLevi babebathuthuzela abantu bonke, besithi, Yithini tu; ngokuba le mini ingcwele; musani ukuba buhlungu.

12. Besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu; ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.

13. Ngomhla wesibini kwahlanganisana iintloko zezindlu zooyise zabantu bonke, nezababingeleli, nezabaLevi, zeza kuEzra umbhali ukuwaqiqa amazwi omyalelo.

Unehemiya 8