Unehemiya 7:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana.Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:

8. oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.

9. Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.

10. Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.

11. Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo.

12. Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané.

Unehemiya 7