Unehemiya 7:37-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye.

38. Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu.

39. Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

40. Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

41. Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mané anesixhenxe.

42. Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe.

43. AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabané.

44. Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mané anesibhozo.

45. Abamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, ibilikhulu, elinamanci mathathu anesibhozo.

Unehemiya 7