Kwabaseroma 12:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo, nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo;

7. nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;

8. nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabĂ yo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.

9. Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.

10. Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;

11. mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;

12. mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;

13. mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

16. Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.

Kwabaseroma 12