2 Usamuweli 23:21-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe.

22. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu.

23. Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.

24. UAsaheli, umninawa kaYowabhi, ebengomnye kumashumi amathathu lawo; nguElihanan unyana kaDodayi waseBhetelehem;

25. nguShama waseHarodi; nguElika waseHarodi;

26. nguHeletse wasePeleti; nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;

27. nguAbhiyezere waseAnatoti;

28. nguMebhunayi umHusha; nguTsalimon umAhowa; nguMaharayi waseNetofa;

29. nguHelebhe, unyana kaBhahana waseNetofa; nguItayi, unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin;

2 Usamuweli 23