12. UDavide waya, wawathabatha amathambo kaSawule, namathambo kaYonatan unyana wakhe, kubemi baseYabheshe yeGiliyadi, ababewabile endaweni yembutho yaseBhete-shan, apho amaFilisti abebaxhome khona, mini amaFilisti ambulalayo uSawule eGilibhowa;
13. wawanyusa khona amathambo kaSawule namathambo kaYonatan unyana wakhe, bawabutha namathambo abo babebethelelwe eminqamlezweni;
14. amathambo kaSawule noYonatan unyana wakhe bawangcwabela ezweni lakwaBhenjamin eTsela, engcwabeni likaKishe uyise; bakwenza konke abewise umthetho ngako ukumkani. Wandula wathandazeka ke uYehova ngenxa yelizwe.
15. Kwabuya kwabakho ukulwa kwamaFilisti namaSirayeli, wehla uDavide enabakhonzi bakhe, balwa namaFilisti; watyhafa uDavide.