1 Usamuweli 6:14-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Inqwelo yafika entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe, yema khona.Bekukho ilitye elikhulu khona. Bayicanda imithi yenqwelo, bazinyusa iimazi ezintsha ezo zalidini elinyukayo kuYehova.

15. AbaLevi bayithula ityeya kaYehova, netyeya ebinayo inempahla yegolide, bazibeka elityeni elo likhulu. Amadoda aseBhete-shemeshe ke anyusa amadini anyukayo, abingelela imibingelelo ngaloo mini kuYehova.

16. Zabona izikhulu ezihlanu zamaFilisti, zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.

17. Ngawo la amathumba egolide awawabuyiselayo amaFilisti kuYehova, alidini letyala: elaseAshdode lalilinye, elaseGaza lalilinye, elaseAshkelon lalilinye, elaseGati lalilinye, elase-Ekron lalilinye;

18. kunye neempuku zegolide ngokwenani lemizi yonke yamaFilisti yezikhulu ezihlanu, kuthabathela emizini enqatyisiweyo, kuse kwimizana yabasemaphandleni; kuse etyeni elikhulu, abayimisa kulo ityeya kaYehova, lilingqina unanamhla entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe.

19. Wabetha emadodeni aseBhete-shemeshe, ngokuba ayikhangakhangelayo ityeya kaYehova; wabulala ebantwini abo amadoda angamashumi asixhenxe emadodeni angamawaka angamashumi amahlanu. Benza isijwili abantu, ngokuba uYehova ebabulele abantu ngobulalo olukhulu.

1 Usamuweli 6