Uzefaniya 3:10-13 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Abakhonzi bam, abantu bam abasarhazekileyo,bophuma phesheya komlambo waseKushe,bandizisele iminikelo.

11. “Ngaloo mini aniyi kudana ngobugwenxa enibenze kum,kuba ndobasusa kwesi sixeko abo baziqhayisa ngekratshi.Soze niphinde nidelele kuloo ntaba yam ingcwele.

12. Ke kaloku ndonishiyela abantu abanobulali nabathobekileyo,abantu abakholosa ngegama likaNdikhoyo.

13. “Amasalela kaSirayeli soze anxaxhe.Akasayi kuthetha buxoki,kungàfunyanwa nankohliso emilonyeni yabo.Aya kutya angqengqe,kungabikho bani unokuwoyikisa.”

Uzefaniya 3