Uzefaniya 3:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yeha ke, mvukelindini uxabhelekileyo,sixekondini sabacinezeli!

2. Kaloku asithobeli mntu;ewe, asiva kululekwa.Sona asimthembi *noNdikhoyo;asisondeli nokusondela kuThixo waso.

3. Sitsho ngâbo balawuli baso,izinto ezibhavuml' okweengonyama.Abagwebi banjengeengcuka zangorhatya,izinto ezingashiyi nethambo eli elinokukhukhuzwa ngengomso.

4. *Abashumayeli bakhona zizintw' ezingenazimilo,abafo abaqamela ngobuqhetseba.Ababingeleli bayayixabhela ingcwele;ewe, bona bayawuvukela umthetho.

5. Ke uNdikhoyo uphakathi kwaso,yena olilungisa elingenzi bugwenxa.Uphak' ubulungisa ntsasa zonke;akukho nanye imini asilela ngayo.Ke bona abagwenxa abazi nehlazo eli.

Uzefaniya 3