Uzefaniya 2:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.

7. Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;khona bozuza amadlelo.Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,abenze badle ngendeb' endala.

8. “Ndizivile izithuko zikaMowabhi,ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon.Ewe, babathukile abantu bam,bangenelela emideni yabo.

9. Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,”nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli:“Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom,ama-Amon abe njengeGomora,indawo yokhula nemihadi yetyuwa.Yoba yinkangala ngonaphakade.Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza;ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”

10. Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo,ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.

11. UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo,kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe.Izizwe macala onke ziya kumnqula;bebonke ke kwimihlaba yabo.

12. “Nani ngokwenu, maKushe,niya kubulawa ngekrele lam.”

13. Uya kusolula isandla sakhe kwelangasentla,ayitshabalalise iAsiriya,ayenze ibe linxuwa iNiniva,isale iyinkangala enjengentlango.

14. Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi;ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana.Soba lapho isikhova nesihulu-hulu,side silale kuloo miwewe,zikhwazane kwezo festile,ibe emnyango iyinkunkuma yodwa,imiqadi yomsedare isele izé.

15. Koba njalo okwesixeko esonwabileyo,esisoloko sihleli sikhuselekile.Kaloku sona sasisithi:“Ndim ndodwa; akukho wumbi.”Ndlela le singamabobosi ngayo!Ngoku seyilikhaya lamarhamncwa.Ke abadlulayo bobetha umlozi,babambe ongezantsi.

Uzefaniya 2