1. Qokelelanani nihlanganisane, sizwendini esingenantloni,
2. lingekafiki ixesha elimisiweyo, imini eyonitshayela njengomququ,ingekanifikeli ingqumbo eshushu kaNdikhoyo,ningekafunyanwa ngumhla wengqumbo yakhe.
3. Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi,nina benza umyalelo wakhe.Zingelan' ubulungisa nentobeko,mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.
4. IGaza yolil' ibhungane,iAshkelon isale ingamabhodlo.Kanye emin' emaqandaiAshdode iya kuqongqothwa,ke yona iEkron incothulwe.
5. Yeha ke, nina bemi ngaselwandle!Yeha ke, nina maKreti!Ilizwi *likaNdikhoyo lichasene nani:“Wena Kanana, mhlaba wamaFilistiya, ndokutshabalalisa,kungabikho namnye umi kuwe.”
6. Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti,woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.
7. Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda;khona bozuza amadlelo.Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon;kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela,abenze badle ngendeb' endala.