5. Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”
6. Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
7. “Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”