Uzakariya 11:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngenyanga enye ndabagxotha abelusi abathathu. Kaloku basuka bandicaphukela, nam ke ndasuka ndakruquka,

9. ndathi: “Andiyi kuphinda ndibe ngumalusi. Ezifayo mazife, zitshabalale ezo zitshabalalayo. Ke zona eziseleyo iyileyo naleyo mazitye inyama yenye.”

10. Ndasuka ke ndathatha laa nduku inguThandekile, ndayaphula nditshitshisa umnqophiso endawenzayo nazo zonke izizwe.

11. Ngaloo mini ke waphuthiswa, waza nomhlambi ophatheke kakubi owandibonayo waqonda ukuba lilizwi likaNdikhoyo elo.

12. Ke mna ndathi kubo: “Ukuba leyo yeyona nto ingcono kuni, ndinikeni intlawulo yam, kodwa ke, ukuba aniboni njalo, yigcineni.” Baza ke bandihlawula iingqekembe zesiliva ezimashumi mathathu.

13. UNdikhoyo ke wathi kum: “Yiphose kumbumbi – nditsho elo xabiso lingako abandithengise ngalo!” Ngoko ke ndazithatha ezo ngqekembe zesiliva ezimashumi mathathu, ndaziphosa kumbumbi endlwini kaNdikhoyo.

14. Ndayaphula ke nenduku yesibini ekuthiwa nguManyano; ndaba ngolo hlobo ndibuphelisile ubuzalwane phakathi kukaJuda noSirayeli.

15. Waza wathi ke uNdikhoyo kum: “Phinda uthathe izikrweqe zomalusi osisityhakala.

16. Kaloku kweli lizwe ndiza kuvelisa umalusi ongazikhathaleleyo ezilahlekileyo, ongawananzanga amatakane, engazibophi azinyange nezenzakeleyo; ongazondliyo nezo ziphilileyo; othe phithi kukutya inyama yezityebileyo, ade akhukhuze namanqina.

17. “Mawoo, loo malusi ungento,into esuka iwushiye umhlambi!Akwaba ikrele lingamqhokr' ingalo,limtyhumfuze iliso lasekunene.Ngamana yabuna ngokupheleleyo ingalo yakhe,iliso lasekunene lityhaphake tu.”

Uzakariya 11