Uzakariya 1:11-21 Ibhayibhile (XHO96)

11. Banika ingxelo kweso sithunywa sikaNdikhoyo siphakathi kwemithi yemetile, bathi: “Silityhutyhile ihlabathi lonke, saza salifumana lizole nzwanga.”

12. Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Ndikhoyo onamandla onke, koda kube nini ungenaluvelwano neJerusalem needolophu zakwaJuda owaziqumbelayo le minyaka ingamashumi asixhenxe?”

13. UNdikhoyo ke wasiphendula ngamazwi obulali nentuthuzelo eso sithunywa sasithetha nam.

14. Isithunywa eso ke esasithetha nam sathi: “Lubhengeze olu daba uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Ndinekhwele elikhulu ngeJerusalem neZiyon.

15. Kambe ke ndiziqumbele kakhulu izizwe ezixhamla ulonwabo. Bendingaqumbanga kakhulu, kodwa zona zisuke zayongezelela inkxwaleko.’

16. “Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘IJerusalem ndiza kuyivelela ngenceba, ibuye yakhiwe indlu yam khona,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ewe, intambo yokulinganisa iza kolulwa phezu kweJerusalem.’

17. Phinda ubhengeze uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Iidolophu zam ziya kuphinda ziphuphume yinkqubela, iZiyon ndibuye ndiyithuthuzele mna Ndikhoyo, ndiyichonge iJerusalem.’ ”

18. Ndathi ndakukhangela ndabona nazo iimpondo ezine phambi kwam.

19. Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam ndathi: “Yintoni intsingiselo yazo?”Saphendula sathi: “Ezi zezi mpondo zachitha-chitha uJuda noSirayeli neJerusalem.”

20. Ke kaloku *uNdikhoyo wandibonisa iingcibi ezine,

21. ndaza ke ndathi: “Ezi ngcibi zize kwenza ntoni na?”Waphendula wathi: “Ezi mpondo ngabo bachitha-chitha uJuda kangangokuba kungabikho bani unokuphakamisa intloko yakhe. Kambe ke iingcibi ezi zize kubarhwaqelisa; ziza kuzaphula iimpondo izizwe ezalifaka uphondo ilizwe lakwaJuda, labachitha-chitha abemi balo.”

Uzakariya 1