1. Ke kaloku kwathi kwinyanga yesibhozo yonyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.
2. Lalisithi: “UNdikhoyo wayebaqumbele gqitha ooyihlo-mkhulu.
3. Yithi ke kubo: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.
4. Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.
5. Ngoku ke baphi ooyihlo abo? Bona abashumayeli baphila ngonaphakade na?
6. Kodwa ke, andithi amazwi am ngokunjalo nemimiselo yam endandiyithume izicaka zam abashumayeli yabafumana ooyihlo-mkhulu abo?“Kaloku ke bazisola bathi: ‘Ngenene uNdikhoyo onamandla onke usiphethe ngokweendlela zethu; usivuze ngokwemisebenzi yethu, njengoko wayezimisele ukwenjenjalo.’ ”
7. Ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeshumi elinanye, nyanga leyo ekuthiwa nguShebhati, kwakuloo nyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lamfikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.
8. Ndasuka ndaba nombono ebusuku: Phambi kwam ndabona umfo ekhwele ihashe elibomvu. Wayemi engxingweni phakathi kwemithi yemetile. Emva kwakhe kwakukho amanye amahashe, abomvu, amfusa, namhlophe.
9. Ndaza ke ndathi: “Ithetha ntoni le nto, nkosi yam?”Isithunywa eso ebesithetha nam sathi: “Ndiza kukubonisa intsingiselo yezi zinto.”
10. Ke loo mfo umi phakathi kwemithi yemetile waphendula wathi: “Aba ngabathunywe nguNdikhoyo ukulityhutyha ihlabathi liphela.”