25. Kodwa uYoshuwa wabasindisa ooRahabhi nabantu bakowabo, yaye uRahabhi usekho kwaSirayeli unanamhla, kuba wafihla iintlola ezazithunyelwe eJeriko nguYoshuwa.
26. UYoshuwa wafunga wathi:“Uqalekisiwe nguNdikhoyo umntu ovusa esi sixeko saseJeriko.Akubeka isiseko saso woswelekelwa lizibulo lakhe.Akuvusa amasango aso woswelekelwa nguntondo wakhe.”
27. UNdikhoyo waba noYoshuwa, lwavakala kulo lonke udumo lwakhe.