Uyoshuwa 6:25-27 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kodwa uYoshuwa wabasindisa ooRahabhi nabantu bakowabo, yaye uRahabhi usekho kwaSirayeli unanamhla, kuba wafihla iintlola ezazithunyelwe eJeriko nguYoshuwa.

26. UYoshuwa wafunga wathi:“Uqalekisiwe nguNdikhoyo umntu ovusa esi sixeko saseJeriko.Akubeka isiseko saso woswelekelwa lizibulo lakhe.Akuvusa amasango aso woswelekelwa nguntondo wakhe.”

27. UNdikhoyo waba noYoshuwa, lwavakala kulo lonke udumo lwakhe.

Uyoshuwa 6