Uyoshuwa 3:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Waza wabhekisa kubabingeleli wathi: “Thwalani ityesi yomnqophiso niwele, baze abantu balandele.” Benjenjalo ke ababingeleli.

7. Wathi uNdikhoyo kuYoshuwa: “Into endiza kuyenza namhlanje iya kukwenza utsho uhlonipheke kumaSirayeli, aqonde ukuba ndinawe nanjengoMosis.

8. Yithi kubabingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ze bathi bakufika emlanjeni iJordan, bangene beme enyeleni.”

9. UYoshuwa wabiza amaSirayeli wathi: “Sondelani nize kuva amazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo wenu.

10. Noqonda ngale nto ukuba uThixo ophilayo ukho phakathi kwenu: nguye oya kuwaswantsulisa amaKanana, amaHeti, amaHivi, amaPerezi namaGirgashi, ama-Amori kunye namaJebhusi.

11. Niyabona, ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, iNkosi yehlabathi liphela, yiyo enandulelayo ukuwela iJordan.

Uyoshuwa 3