Uyoshuwa 3:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngengomso uYoshuwa namaSirayeli ephela bavuka xa kumpondo zankomo, banduluka eShitim, baya kuma phezu kweJordan lo gama balinde ukuwela.

2. Emva kweentsuku ezintathu iinduna zajikeleza esikhululweni,

3. ziyalela abantu zisithi: “Xa nibona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo wenu kunye nababingeleli abangabaLevi abayithweleyo, ze niphakame, niphume, nilandele.

4. Kaloku niza kuhamba ngendlela eningazange niyihambe ngaphambili; kuya kufuneka ke nilandele ababingeleli. Kodwa kufuneka ningasondeli kwityesi yomnqophiso. Ze kubekho umgama omalunga nekhilomitha enye phakathi kwayo nani.”

5. UYoshuwa ke wathi ebantwini: “Zihlambululeni, kuba ngomso uNdikhoyo uza kwenza imimangaliso phakathi kwenu.”

14-15. Yayilixesha lokuvuna, umlambo uzele, uphuphuma.Ukunduluka kwamaSirayeli ukuya kuwela iJordan, ababingeleli babewakhokele, bethwele ityesi yomnqophiso. Kuthe nje ukuba bathi cakatha emlanjeni,

Uyoshuwa 3