Uyoshuwa 24:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYoshuwa wenza imbizo yazo zonke izizwe zakwaSirayeli eShekem. Wabiza onke amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa akwaSirayeli, bonke baya kuthi nqwadalala *ngasesibingelelweni *sikaNdikhoyo.

2. Wabhekisa kubo bonke abantu uYoshuwa wenjenje: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Kudala kanye ooyihlo-mkhulu uTera kunye noonyana bakhe uAbraham noNahore babemi ngaphesheya komlambo iEfrati, benqula *thixo bambi.

3. Uyihlo-mkhulu uAbraham ndamkhupha apho ngaphesheya kwe-Efrati, walityhutyha lonke elaseKanana. Ndampha abantwana abaninzi. Ndamnika uIsake;

4. uIsake yena ndamnika uYakobi noEsawu. UEsawu ndamnika ilizwe leentaba lase-Edom. Yena uYakobi noonyana bakhe behla baya eJiputa.

7. Kodwa bathi bakukhala ooyihlo, ndafaka ithunzi lobumnyama phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ndawagubungela ngamanzi olwandle, eyela amaJiputa – niyayazi loo nto.“ ‘Nahlala entlango ithuba elide.

8. Ndaza mna ndanizisa kumhlaba wama-Amori awayemi ngasempumalanga yeJordan. Alwa nani, kodwa mna ndawanikela ezandleni zenu. Nawuthatha umhlaba wawo, ndakuba mna ndiwatshabalalisile.

9. Ukumkani uBhalaki wakwaMowabhi, unyana kaZipore, waqubisana namaSirayeli edabini. Wathumelela uBhalam, unyana kaBhehore, ukuba abizwe eze anishwabulele,

10. kodwa andizange ndivume ukumphulaphula uBhalam. Ndaweni yaloo nto wamana ukunithamsanqelisa, ndaba ke ndinihlangule kuBhalaki.

11. Nawela iJordan, naya eJeriko. Abemi balapho balwa nani, njengoko enjenjalo ama-Amori, namaPerezi, namaKanana, amaHiti, amaGirgashi, amaHivi, namaJebhusi, kodwa ndabanikela ezandleni zenu.

12. Ndabathumela ngoonomeva abo balwa nani. Yiyo loo nto eyachitha iikumkani zama-Amori zombini – asilokrele nalutolo lwenu.

Uyoshuwa 24