16. “Sithetha nje, sithetha egameni lebandla likaNdikhoyo liphela. Niyenzeleni into embi kangaka ngokungathembeki kuThixo kaSirayeli? Yini na ukuba nityeke kuNdikhoyo ngokuzakhela iqonga lamadini, nivukelane naye ngoku?
17. Khange bube sisifundo na ubugwenxa obenzeke ePehore Kaloku uNdikhoyo wabetha ibandla xa lilonke ngobhubhani. Ngaba unanamhla anikahlanjululwa na kobo bugwenxa,
18. le nto nityekayo ekumlandeleni uNdikhoyo? Xa namhlanje nimvukela uNdikhoyo, ngomso kosa eliqumbele lonke ibandla lakwaSirayeli.
19. Xa umhlaba wenu ugqwalisekile, ngani ningaweli iJordan nje, niye apho simiyo *isibingelelo sikaNdikhoyo ezweni lakhe, nize kuma apha phakathi kwethu? Yekani ukumvukela uNdikhoyo nize nathi nisifake kolo vukelo lwenu ngokwenza qonga limbi lingelilo likaNdikhoyo uThixo wethu.
20. Ngaba senikulibele ukungathembeki kuka-Akana unyana kaZera, owathatha amaxhoba amakatshatyalaliswe, kwaza ngenxa yeso senzo kohlwaywa lonke ibandla lakwaSirayeli? UAkana akazange afe yedwa ngenxa yesono sakhe.”
21. Oonyana bakaRubhen, noonyana bakaGadi, nesiqingatha sikaManase, benjenje ukuphendula iintloko zezizwe zakwaSirayeli:
22. “Oyena unguThixo nguNdikhoyo! Ewe, oyena unguThixo nguye uNdikhoyo! Nguye owaziyo ukuba sikwenzeleni na oku, yaye nani sifuna nazi. Ukuba oku sikwenze ngokungathembeki kuNdikhoyo, okanye ngokumvukela, masingasindi ekufeni namhlanje.
23. Yaye ukuba ngeli qonga sityekile ekumlandeleni uNdikhoyo ngokwenzela kulo amadini ethu atshiswayo, nawokudla, nawobudlelane, makasuke asigwebe yena ngenkqu.
24. Hayi bo! Elaa qonga silenze ngenxa yexhala lokuba kwixesha elizayo abantwana benu basenokuthi kubantwana bethu: ‘Uyintoni kuni kakade uNdikhoyo uThixo kaSirayeli?
25. Akanto yakwenza nani maRubhen namaGadi; wasahlula nani ngokwenza iJordan umda.’ Loo nto ke ingabangela ukuba abantwana bethu bayeke ukunqula uNdikhoyo.
26. Kungoko ke satshoyo ukuthi: ‘Masakhe iqonga, kodwa kungabi ngenjongo yakunikela madini naminikelo kulo.’
27. Hayi, sisitsho nje besisenzela thina nani, nezizukulwana ezizayo, ubungqina bokuba ngenene uNdikhoyo simnqula esibingelelweni sakhe ngamadini atshiswayo, nawobudlelane, nangeminikelo. Besisenzela ukuba abantwana benu bangaze bathi kwabethu: ‘Aninasabelo nina nanto yakwenza kuNdikhoyo.’
28. Thina besiba abantwana bethu babeya kuthi xa ithe yehla into enjalo: ‘Naliya iqonga elifana nqwa neliya likaNdikhoyo lakhiwa ngoobawo. Ewe kambe, asililo lamadini neminikelo, lona lilingqina kumawethu nakumawenu.’