Uyoshuwa 19:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ukusuka apho umda wacanda ngasentshona waya kutsho eMarala, wegqitha eDabhesheti nakwintlambo iYokeneham.

12. Kwicala elingaphaya kweSaridi wenjenjeya ukuya ngasempuma kumda weKiseloti-tabhore, wedlulela eDabherati ukusinga eYafiya.

13. Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.

14. Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli.

15. Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.

16. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.

17. Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso.

18. Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem,

19. iHafarayim, iShiyon, iAnarati,

20. iRabhiti, iKishiyon, iEbheze,

21. neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze.

22. Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

Uyoshuwa 19