9. Awujikeleza ke loo mhlaba loo madoda, abhala echaza ukuba awahlule njani waziziqwenga ezisixhenxe, enza noludwe lwezixeko. Babuyela kuYoshuwa esikhululweni eShilo.
10. UYoshuwa wenza amaqashiso phambi koNdikhoyo, waza ke wazabela izizwe zakwaSirayeli ebezingekabi namhlaba iziqwenga zomhlaba, ewaba ngokwezindlu zazo.
11. Kwaqala kwaphuma iqashiso lommandla wezindlu zesizwe sakwaBhenjamin. Umhlaba wabo wawumi phakathi kwesizwe sakwaJuda nesakwaJosefu.
12. Ngasentla umda wabo wawuqala eJordan, unyuke loo mathambeka angasentla kweJeriko, wenjenjeya ukusinga ngasentshona, utyhutyha eleentaba, uye kuma ngentlango iBhete-aven.
13. Wawunyuka ithambeka kwicala elingasezantsi eLuzi (yiBhetele ke leyo) uhle ubheke eAtaroti-adare entabeni engezantsi kweBhete-horon emzantsi.
14. Lo mda wawujika ujonge emazantsi usuka kwicala elingasentshonalanga yeleentaba, wenjenjeya ukusinga eKiriyati-bhali (iKiriyati-yarim) yesizwe sakwaJuda. Ngumda wangasentshona lo.
15. Umda wangasezantsi wawuqala ngasemaphethelweni eKiriyati-yarim ngasentshona, ubheke kumthombo waseNefetowa,
16. usuke apho uhle ubheke phantsi kwentaba ejonge kwintili yoonyana bakaHinom engasentla kwentili yamaRafa. Wawusuka apho uhle utyhutyhe loo ntili iHinom kwithambeka emazantsi esixeko samaJebhusi, ubheke ngase-En-rogele.
17. Uyajika ujonge emantla e-En-shemeshe, uze ugqithele eGeliloti ngakwinkalo yeAdumim. Ukusuka apho uyehla uye ngakwiLitye likaBhohan (uBhohan wayengunyana kaRubhen),
18. uze udlule ngasentla kwengxondorha ephezu kwaloo ntili yeJordan, uhle uye entilini,
19. uze udlule ngasentla kwengxingwa eBhete-hogela, uye kuphela ngasentla apho umlambo iJordan ungena khona kuLwandle oluFileyo. Lo ke yayingumda wangasezantsi.
20. IJordan yona yayingumda wangasempumalanga. Yiyo ke leyo imida yomhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaBhenjamin, walilifa lazo.
21. Izixeko zezindlu zesizwe sakwaBhenjamin zizo ezi: iJeriko, iBhete-hogela, iEmeki-kezizi,
22. iBhete-arabha, iZemarayim, iBhetele,