Uyoshuwa 16:7-10 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ukusuka apho uyehla ubheke eAtaroti naseNara, ugqithe eJeriko, uye kuma ngeJordan.

8. Apho umda wawucanda ngasentshonalanga ukusuka ngaseTapuwa, ubheke kwintlambo iKana, uye kuma ngolwandle. Nguwo ke lowo umhlaba owaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaEfrayim.

9. Iidolophu neelali ezazikwimida yakwaManase zanikwa uEfrayim.

10. Abazange bawagxothe amaKanana awayemi eGezere. Ahlala ke namaEfrayim kwada kwakaloku amaKanana, kodwa ĂȘnza umsebenzi ngokunyanzelwa.

Uyoshuwa 16