Uyoshuwa 13:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mhlenikweni uYoshuwa wayeselaluphele kakhulu, *uNdikhoyo wathi kuye: “Sewumdala kakhulu ngoku, Yoshuwa, ukanti umhlaba ekusafuneka uthinjwe usemkhulu.

4. ummandla wamaKanana ongasezantsi kwakunye neMeyara (engumhlaba wamaSidon), kuse eAfeka ngakwimida yama-Amori;

5. elamaGebhali kunye neLebhanon iphela ukubheka ngasentshona ukususela eBhali-gadi esemzantsi wentaba iHermon, kuse kuloo nkalo yeHamati;

8. Isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kwakunye nesinye isiqingatha sakwaManase zona zaziseziwabelwe umhlaba wazo nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo. Loo mhlaba wawungasempumalanga kweJordan.

9. Wawuye kuthi xhaxhe eArure ummandla wabo, phezu kwentili iAnoni, nakwisixeko esasikuloo ntili, uthathe onke loo mathafa aseMedebha ukusa eDibhon.

10. Wenjenjeya ukusa kwimida yaseAmon, waquka zonke ezo zixeko zaziphantsi kwekumkani yama-Amori uSihon owayephethe eHeshbhon.

11. Lo mmandla wawuquka iGiliyadi, utyhutyhe imimandla yaseGeshure naseMahaka, uthathe yonke intaba iHermon nayo yonke iBhashan ukuya kutsho eSaleka.

12. Ukwalapho nomhlaba kaOgi owaba yikumkani yokugqibela kumaRafa, owayephethe iAshtaroti ne-Edreyi. Ezi ntlanga zonke zoyiswa nguMosis, wawuthimba umhlaba wazo.

Uyoshuwa 13