5. Intaba iHermon, iSaleka, kunye nayo yonke iBhashan, kuse kwimida yeGeshuri neMahaka, necala leGiliyadi, kuye kutsho kummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon, nazo zazikwalawulwa yile kumkani.
6. Ezi kumkani zombini zoyiswa nguMosis namaSirayeli. Umhlaba wazo uMosis isicaka *sikaNdikhoyo wawunika isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase.
7. UYoshuwa kunye namaSirayeli bazoyisa iikumkani ezazimi kummandla ongasentshonalanga yeJordan, ukusuka eBhali-gadi kwintili vaseLebhanon kuse kwintaba iHalaki ezantsi kufuphi neSeyire. Wawohlulela izizwe zakwaSirayeli lo mmandla uYoshuwa, ukuba ziwume.
8. Nazi iziphaluka zalo mmandla: eleenduli, amazantsi eentaba zasentshona, intili yeJordan namazantsi eentaba zayo, iingingqi zangasempuma, kunye nentlango engasezantsi. Lo mmandla yayingumhlaba wamaHiti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
9. AmaSirayeli oyisa iikumkani zezixeko iJeriko, iAyi (ngaseBhetele),
10. iJerusalem, iHebron,
11. iYarmuti, iLakishe,
12. iEglon, iGezere,
13. iDebhiri, iGedere,
14. iHoma, iAradi,
15. iLibhena, iAdulam,
16. iMakeda, iBhetele,
17. iTapuwa, iHefere,
18. iAfeki, iLasharon,
19. iMadon, iHazore,
20. iShimron-meron, iAkeshafi,
21. iTanaki, iMegido,
22. iKedeshe, iYokeneham (eKarmele),
23. iDore (elunxwemeni), iGoyim (eGiligali),
24. kunye neTirza. Yayingamashumi mathathu ezikumkani zizonke.