16. Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.”Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.
17. Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?”Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”
18. AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe,
19. abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”
20. Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama;
21. kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.”
22. Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo.
23. Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”
24. Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”
25. Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”
26. Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”
27. Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”