37. Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam.
38. Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.”
39. Amphendula athi: “Ubawo nguAbraham.”Wathi kuwo uYesu: “Ukuba beningabo abantwana baka-Abraham, ngenimfuza ngezenzo.
40. Kanti naku nina nifuna ukundibulala, mna mntu unixelela inyaniso endiyive kuThixo. UAbraham akazange enze nto injalo.
41. Nina nenza okwenziwa nguyihlo.”Aza athi kuye: “Thina asiyomigqakhwe. Owethu uBawo mnye; nguThixo.”
42. Wathi kuwo uYesu: “Ukuba uThixo ebenguyihlo ngenene, ngenindithanda; kuba ndilapha nje, ndivela kuThixo. Kaloku andizizelanga ngagunya lam; ndithunywe nguye.
43. Kutheni ningayiqondi nje intetho yam? Kungenxa yokuba ningakwazi ukulibamba ilizwi lam.
44. Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.
45. Kodwa mna ndinixelela inyaniso; kungoko ningakholwayo kum.