Uyohane 8:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi.

15. Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo.

16. Kodwa ke, ukuba ndithe ndagweba, isigwebo sam sithembekile; kuba andindedwa, ndikunye noBawo ondithumileyo.

17. Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele.

18. Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”

19. Baza bathi kuye: “Uphi loo Yihlo?”Waphendula uYesu wathi: “Kwankqu mna lo anindazi, noBawo ningamazi. Ukuba ke benindazi mna, noBawo ngenimazi.”

20. Konke oku kwathethwa nguYesu efundisa *endlwini kaThixo, ekwigumbi leminikelo; kodwa akubangakho namnye umbambayo, kuba lalingekafiki ixesha.

21. Waphinda uYesu wathi kubo: “Ndiyemka mna; ke nina niya kundifuna; yaye niya kufela ezonweni zenu. Apho ndiya khona mna, aninakuya nina.”

Uyohane 8