Uyohane 7:29-38 Ibhayibhile (XHO96)

29. kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”

30. Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha.

31. Kodwa abantu abaninzi bâkholwa kuye, besithi: “Xa athe wafika uKrestu, ngaba ebenokwenza imiqondiso engaphezulu na kunale yenziwe ngulo?”

32. *AbaFarasi babeva abantu bethetha ngasese ngoYesu, baza bona nababingeleli abaziintloko bathuma abagadi bendlu kaThixo ukuba bambambe.

33. Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo.

34. Niya kundifuna ke, ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona.”

35. Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike?

36. Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”

37. Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.

38. *IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.”

Uyohane 7