29. kodwa mna ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.”
30. Babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo, kuba lalingekafiki ixesha.
31. Kodwa abantu abaninzi bâkholwa kuye, besithi: “Xa athe wafika uKrestu, ngaba ebenokwenza imiqondiso engaphezulu na kunale yenziwe ngulo?”
32. *AbaFarasi babeva abantu bethetha ngasese ngoYesu, baza bona nababingeleli abaziintloko bathuma abagadi bendlu kaThixo ukuba bambambe.
33. Waza uYesu wathi: “Ndisaza kuba nani ithutyana, ndize ndimke, ndiye kulowo undithumileyo.
34. Niya kundifuna ke, ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona.”
35. Aza amaJuda abuzana esithi: “Ngaba bethu uza kuya phi, ze ke singabi nako ukumfumana? Ngaba uzimisele ukuya kumaJuda athe saa kwelamaGrike, aze afundise amaGrike?
36. Ngaba uthetha ukuthini xa athi: ‘Niya kundifuna ningandifumani, kuba nina aninako ukuya apho ndiya khona’?”
37. Ngosuku lokugqibela, olo ke lulolona lubalulekileyo lwetheko, wema uYesu, wathetha ngelivakalayo esithi: “Onxaniweyo makeze kum asele.
38. *IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.”