40. Okufunwa nguBawo kukuba wonke ombonayo uNyana akholwe kuye, abe nobomi obungapheliyo; ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.”
41. Aza amaJuda ambombozela, kuba uYesu ethe nguye isonka esehla sivela ezulwini,
42. athi: “Lo mfo akanguye na uYesu, unyana kaJosefu? Sibazi nje ke abazali bakhe, angathini ngoku ukuthi wehla ezulwini?”
43. Waphendula uYesu wathi: “Sanukundikrokrela.
44. Akukho namnye unokuza kum engathanga uBawo owandithumayo amtsalele kum; kwaye lowo ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.
45. *Abashumayeli bâbhala bathi: ‘Bonke baya kuba ngabafundisiweyo nguThixo.’ Bonke ke abathe bamphulaphula uBawo, baza bafunda kuye, bayeza kum.
46. Xa nditshoyo ke andithethi ukuthi kukho bani wakha wambona uBawo. Akukho namnye wakha wambona uBawo, ngaphandle kwalowo uvela kuThixo.
47. “Ndithi kuni, inene, lowo ukholwayo unabo ubomi obungapheliyo.
48. Ndim isonka sobomi.
49. Ooyihlo batya *imana entlango, kodwa bafa.
50. Ke sona isonka esihla ezulwini, seso athi ubani akusitya, angafi.
51. Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.”
52. AmaJuda ke aphikisana ngamandla, esithi: “Angathini lo mfo ukusityisa umzimba wakhe?”
53. Waza uYesu wathi kuwo: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga niwutye umzimba wakhe *uNyana woLuntu, nilisele negazi lakhe, aninabo ubomi.
54. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, unobomi obungonaphakade, ndaye ndiya kumvusa ekufeni ngomhla wokugqibela.
55. Umzimba wam kokona kutya, negazi lam sesona siselo.
56. Lowo uwutyayo umzimba wam, alisele negazi lam, yena uhlala kum, nam ndihlala kuye.
57. UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam.
58. Siso ke eso isonka esehla sivela ezulwini; sibe singafani nesiya ooyihlo bâsityayo, baza bafa noko. Osityayo esi sonka wodla ubomi ngonaphakade.”