Uyohane 5:28-35 Ibhayibhile (XHO96)

28. Musani ukumangaliswa kuko oku, kuba ixesha liyeza abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe,

29. baphume emangcwabeni, bathi abo benze ubulungisa bavukele ebomini, bathi abo benze inkohlakalo bavukele ekugwetyweni.”

30. “Mna ngokwam andinakwenza nto. Ndigweba njengoko ndiyalelweyo, kwaye ukugweba kwam kufanelekile, kuba andinanjongo yakwenza ntando yam, koko ndenza ukuthanda kwalowo undithumileyo.

31. “Ukuba bendizingqinela ngokwam, ubungqina bam ngebuthandabuzeka.

32. Kodwa ndinomnye ongqina ngam, kwaye ndiyazi ukuba ubungqina bakhe abuthandabuzeki.

33. Senathumela kuYohane; ninabo ke ubungqina bakhe mayela nenyaniso.

34. Anditsho kuba mna ndixhomekeke ekungqinelweni ngumntu, koko nditsho ukuze nina nisindiswe.

35. UYohane wayesisibane esikhanyisayo, naza nina navuyiswa okwethutyana kukukhanyiselwa nguye.

Uyohane 5